3 Ke uZerubhabheli noYeshuwa neenkulu zezindlu zikaSirayeli baphendula bathi: “Aninalo ilungelo lokwakhela uThixo wethu indlu. Sithi sodwa abaza kuyakha le ndlu kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.”
4 Zasuka ke ezo ntlanga zazibangqongile zabatyhafisa abantu bakwaJuda, zabenza boyika ukuwuqhuba umsebenzi wokwakha.
5 Zathenga amagosa awazidodobalisayo izicwangciso ngalo lonke ithuba lolawulo lukaKoreshi ukumkani wasePeshiya yada yalulawulo lukaDariyo ukumkani wasePeshiya.
6 Ke kaloku ekuqaleni kolawulo luka-Asuwerosi bababeka isityholo esibhaliweyo abantu bakwaJuda nabaseJerusalem.
7 Ke ngemihla ka-Atashasta ukumkani wasePeshiya uBhish-lam, uMitredati, noTabheli, namahlakani abo, babhala ileta, bayithumela kuAtashasta. Le leta ke yayibhalwe ngesiAram ngokwendlela isiAram esibhalwa ngayo.
8 URehum igosa eliphetheyo noShimshayi unobhala babhala ileta echasene neJerusalem, bayithumela kuAtashasta ukumkani. Bayibhala ngolu hlobo,
9 yaye iphuma kuRehum igosa eliphetheyo, noShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo, abagwebi, abalawuli abongamele abantu, amagosa asePeshiya, e-Ereki naseBhabheli, ama-Alam aseSusa,