7 Ke ngemihla ka-Atashasta ukumkani wasePeshiya uBhish-lam, uMitredati, noTabheli, namahlakani abo, babhala ileta, bayithumela kuAtashasta. Le leta ke yayibhalwe ngesiAram ngokwendlela isiAram esibhalwa ngayo.
8 URehum igosa eliphetheyo noShimshayi unobhala babhala ileta echasene neJerusalem, bayithumela kuAtashasta ukumkani. Bayibhala ngolu hlobo,
9 yaye iphuma kuRehum igosa eliphetheyo, noShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo, abagwebi, abalawuli abongamele abantu, amagosa asePeshiya, e-Ereki naseBhabheli, ama-Alam aseSusa,
10 nabo bonke abantu abeziswa apho ngohloniphekileyo umhlekazi uOsnapare, abo wabafudusa wabamisa kwisixeko saseSamariya nakwezinye iindawo kwelentshona ye-Efrati.
11 Le ke yikopi yeleta abamthumelela yona:“Kumkani uAtashasta,“Le leta ivela kwizicaka zakho ezikwelentshona ye-Efrati.
12 “Ukumkani simazisa ukuba laa maJuda awawathumela apha kuthi, nango eJerusalem ehlaziya esiya sixeko sidume ngovukelo nenkohlakalo. Ayazivusa iindonga zaso, nesiseko saso ayasilungisa.
13 Makaqonde kakuhle ke ukumkani: ukuba esi sixeko sithe savuswa kwakhona neendonga zaso zalungiswa, ziya kunqumka iirhafu, kungekho namrhumo naluphi na uhlobo lomnikelo oluya kuhlawulwa – nto leyo ke iya kuyiqhwalelisa ingxowa yasebhotwe.