5 Kambe ke iliso likaThixo wawo lawalusa loo madoda makhulu akwaJuda, awade amiswe, kwada kwakhutshwa ingxelo yasiwa kuDariyo, waza ke waphendula.
6 Nantsi ikopi yeleta kaDariyo awayibhalelwa nguTatenayi umlawuli welentshona ye-Efrati, noSheta-bhozenayi namahlakani abo namagosa elentshona ye-Efrati.
7 Ingxelo leyo bayikhuphayo yayisithi:“Kumkani uDariyo,“Makube hele kube chosi kuwe!
8 “Siyakwazisa, kumkani, ukuba sikhe satyelela isithili sakwaJuda nendlu yoThixo omkhulu. Phaya ke sifike abantu beyakha ngamatye amakhulu, bemisa namaplanga ezindongeni zayo. Umsebenzi lowo ke wenziwa ngengqiqo, waye uhambela phambili phantsi kwesikhokelo sabo.
9 “Sikhe sawancwina ngemibuzo amadoda amakhulu, sisithi: ‘Nigunyaziswe ngubani ukuba niyakhe le ndlu, nisivuse esi sakhiwo?’
10 Kananjalo siwabuzile namagama awo, khon' ukuze siwabhale aweenkokheli zawo, sikwazise ngawo.
11 “Aphendula ngolu hlobo ke, athi:“ ‘Thina sizizicaka zikaThixo wezulu nehlabathi. Ngoku ke sivusa indlu eyayakhiwe kwiminyaka yamandulo – yayakhiwe yagqitywa yingangalala yokumkani wakwaSirayeli.