Uezra 6:7-13 XHO96

7 Musani ukuphazamisana nomsebenzi wokwakhiwa kwale ndlu kaThixo. Umlawuli wamaJuda namadoda amakhulu akwaJuda mabayakhe kwasesizeni sayo indlu kaThixo leyo.

8 Ngaphezu koko ke ndiwisa umyalelo wokuba loo madoda makhulu akwaJuda akha indlu kaThixo niwenzele ezi zinto:“ ‘Inkcitho yala madoda ekwakheni mayihlawulwe ngokupheleleyo, ithathwe koovimba bakomkhulu, kwiingxowa zerhafu yalapho kwelentshona ye-Efrati, ukuze ungemi umsebenzi.

9 Nantoni na efunekayo – iinkunzana zeenkomo, iinkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna okwenzela uThixo wezulu amadini atshiswayo, ngokunjalo nengqolowa, ityuwa, iwayini, namafutha omnquma, ngokwesicelo sababingeleli apho eJerusalem – zonke ezi zinto mabazinikwe yonke imihla kungaphazanywa,

10 khon' ukuze babe nako ukumenzela amadini amkholisayo uThixo wezulu, bathandazele intlala-kahle kakumkani noonyana bakhe.

11 Kananjalo ke ndiwisa umyalelo wokuba nabani na owujikayo lo mthetho, ze kuncothulwe umqadi endlwini yakhe, axhonywe abethelelwe kuwo, ke yona indlu yakhe yenziwe indawo yangasese ngenxa yelo tyala.

12 Ke kaloku uThixo owamisa igama lakhe khona apho, ngamana wamkhiqa nawuphi na ukumkani naye nabani na ozama ukujika lo mthetho okanye ofuna ukutshabalalisa le ndlu kaThixo iseJerusalem.“ ‘Ndim mna Dariyo owisa lo myalelo. Ngoko ke mawufezekiswe ngentumekelelo.’ ”

13 Ngoko ke ngenxa yaloo myalelo kakumkani uDariyo, uTatenayi umlawuli wakwelentshona ye-Efrati noSheta-bhozenayi kunye namahlakani abo bawufezekisa ngenyameko loo mthetho.