9 Nantoni na efunekayo – iinkunzana zeenkomo, iinkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna okwenzela uThixo wezulu amadini atshiswayo, ngokunjalo nengqolowa, ityuwa, iwayini, namafutha omnquma, ngokwesicelo sababingeleli apho eJerusalem – zonke ezi zinto mabazinikwe yonke imihla kungaphazanywa,
10 khon' ukuze babe nako ukumenzela amadini amkholisayo uThixo wezulu, bathandazele intlala-kahle kakumkani noonyana bakhe.
11 Kananjalo ke ndiwisa umyalelo wokuba nabani na owujikayo lo mthetho, ze kuncothulwe umqadi endlwini yakhe, axhonywe abethelelwe kuwo, ke yona indlu yakhe yenziwe indawo yangasese ngenxa yelo tyala.
12 Ke kaloku uThixo owamisa igama lakhe khona apho, ngamana wamkhiqa nawuphi na ukumkani naye nabani na ozama ukujika lo mthetho okanye ofuna ukutshabalalisa le ndlu kaThixo iseJerusalem.“ ‘Ndim mna Dariyo owisa lo myalelo. Ngoko ke mawufezekiswe ngentumekelelo.’ ”
13 Ngoko ke ngenxa yaloo myalelo kakumkani uDariyo, uTatenayi umlawuli wakwelentshona ye-Efrati noSheta-bhozenayi kunye namahlakani abo bawufezekisa ngenyameko loo mthetho.
14 Ke amadoda amakhulu amaJuda aqhubela phambili ekwakheni, aba nenkqubela ephenjelelwa ziintshumayelo *zomshumayeli uHagayi noZakariya umzukulwana kaIdo. Bagqiba ke ukuyakha indlu leyo, ngokomyalelo kaThixo kaSirayeli ndawonye nemiyalelo kaKoreshi, uDariyo noAtashasta ookumkani basePeshiya.
15 Ke indlu kaThixo yagqitywa ngomhla wesithathu kwinyanga uAdare, ngonyaka wesithandathu wolawulo lukakumkani uDariyo.