3 ka-Amariya, ka-Azariya, kaMerayoti,
4 kaZeraya, kaUzi, kaBhuki,
5 ka-Abhishuwa, kaPineyasi, kaElazare unyana wombingeleli omkhulu uAron.
6 Ke yena uEzra lo owagalelekayo ephuma eBhabheli, wayengumchazi-mthetho ochubekileyo kwezomthetho kaMosis, mthetho lowo wakhutshwa *nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Ke kaloku ukumkani wayemnike konke awayekufuna, kuba isandla sikaNdikhoyo, uThixo wakhe, sasiphezu kwakhe.
7 Ngonyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAtashasta kwabakho namanye amaSirayeli abuyela eJerusalem, phakathi kwawo kukho ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango nezicaka zendlu kaThixo.
8 UEzra wafika eJerusalem kwinyanga yesihlanu, kunyaka wesixhenxe, wolawulo lukakumkani uAtashasta.
9 Kolu hambo lwakhe waphuma eBhabheli ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, waza wagaleleka eJerusalem ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu, kuba kaloku isandla esikulunga sikaThixo wakhe sasiphezu kwakhe.