8 UEzra wafika eJerusalem kwinyanga yesihlanu, kunyaka wesixhenxe, wolawulo lukakumkani uAtashasta.
9 Kolu hambo lwakhe waphuma eBhabheli ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, waza wagaleleka eJerusalem ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu, kuba kaloku isandla esikulunga sikaThixo wakhe sasiphezu kwakhe.
10 Kaloku uEzra wayezinikezele ekufundeni nasekuthobeleni umthetho kaNdikhoyo, ezimisele ukufundisa amaSirayeli yonke imimiselo nemiqathango yawo.
11 Nantsi ke ikopi yeleta eyanikwa uEzra ngukumkani uAtashasta.Okanye “uAtazezesi” UEzra lo wayengumchazi-mthetho, umfo ofundileyo ngakwimibandela yemiyalelo nemimiselo *kaNdikhoyo awayinikela uSirayeli:
12 “UAtashasta ukumkani wezikumkani, ubhalela umbingeleli uEzra, ongumchazi-mthetho kaThixo wezulu.“Ndiyabhotisa.
13 “Ngoku ndiwisa umyalelo wokuba onke amaSirayeli alapha kulo mbuso wam, afuna ukuya nawe eJerusalem, angahamba ndawonye nababingeleli nabaLevi.
14 Wena uthunywa ngukumkani ndawonye nabacebisi bakhe abasixhenxe, ukuba uye kuqonda ngoJuda neJerusalem malunga nomthetho kaThixo wakho, lowo uwuphethe ngesandla.