18 Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda,
19 kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda.
20 Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.
21 Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako.
22 Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.”
23 Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.
24 Ndamisela ababingeleli abaphambili abalishumi elinambini, inguSherebhiya noHashabhiya neshumi kubantakwabo.