Uezra 9:1-7 XHO96

1 Ke kaloku emva kwezi zinto iinkokheli zeza kum, zathi: “AmaSirayeli la ndawonye nababingeleli nabaLevi abazahluli kwizizwe ezingabamelwana ngokubhekiselele kunqulo lwazo olungamasikizi olufana nolwamaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaJebhusi, ama-Amon, amaMowabhi, amaJiputa, nama-Amori.

2 Basuke bathatha iintombi zazo zangabafazi babo noonyana babo. Olu hlanga lulodwa baluxube nezi ntlanga zibangqongileyo. Ewe, ziinkokheli namagosa kanye ezi zihamba phambili koku kunganyaniseki.”

3 Ndakuyiva le nto, ndasuka ndazikrazula iimpahla endandizinxibile, ezangaphantsi nezingaphezulu, ndazixhwitha iinwele neendevu zam, ndaza ndahlala phantsi ndimatshekile.

4 Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.

5 Ngelo thuba lamadini amatshona ndaphakama kuloo ndawo yokuzithoba kwam, nezo mpahla zam zidlaka-dlaka zinjalo, ndaza ndaguqa ngamadolo, izandla ndaziphakamisela *kuNdikhoyo uThixo wam,

6 ndathandaza ndathi: “Yhoo, Thixo wam! Ndidanile, ndineentloni, ndingenako nokubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam. Kaloku izono zethu zisuke zayinkabankaba esiveleleyo; ubutyala bethu sebufikelele emazulwini.

7 Ukususela kwimihla yoobawo-mkhulu kude kube kalokunje sinetyala elikhulu. Ngenxa yobugwenxa bethu thina nookumkani bethu nababingeleli bethu sesaba sisisulu sekrele, ukuthinjwa, ukuhluthwa izinto zethu, nokuhlazeka ezandleni zookumkani beentlanga, njengoko kusenjalo nanamhla.