10 “Ngoku ke, Thixo wethu, sothini kodwa xa kunje? Kaloku sisuke sayidela imiyalelo
11 owasinika ngezicaka zakho *abashumayeli usithi: ‘Lo mhlaba ningena nisiya kuma kuwo udyobhekile kukonakala kwabantu bawo. Ngemikhuba yabo emasikizi bawutsho waphuphuma kukungcola.
12 Ngoko ke nina ze ningazendiseli koonyana babo iintombi zenu, noonyana benu bangazithathi iintombi zabo. Naphantsi kwaziphi na iimeko ningaze niyikhuthaze intlalo nenkqubela yabo, khon' ukuze nomelele nikuxhamle ukulunga kweli lizwe, kananjalo libe lilifa labantwana benu ngonaphakade.’
13 “Le nto isihleleyo sisiphumo sezenzo zethu ezingcolileyo, neli tyala lethu lingaka. Kodwa naxa kunjalo, wena Thixo wethu akusohlwayanga ngokwezono zethu, koko usuke wasithi jize ngala masalela.
14 Singathini ke ngoku thina ukubuya siyaphule imiyalelo yakho ngokuzibandakanya ngomtshato nabantu abamikhuba imanyumnyezi kanje? Khona, ubungathini wena ukungakhathazeki ude usitshabalalise angabikho naloo masalela asindileyo?
15 Ewe, wena Ndikhoyo Thixo kaSirayeli, ulunge kwaphela! Namhlanje thina sinawo amasalela. Nakuba sinobutyala sinjalo, kodwa silapha. Phofu ngenxa yeli tyala lethu akukho namnye kuthi ungemayo phambi kwakho.”