1 Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uJona unyana ka-Amitayi, lisithi:
2 “Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, usishumayeze, kuba inkohlakalo yaso seyide yaza kufika nakum.”
3 Kambe ke yena uJona wambaleka uNdikhoyo, wasabela eTashishe. Wehla waya eJopa, apho wafumana inqanawa eya eTashishe. Akuba ke eyihlawule imali yendlela, wakhwela wasinga eTashishe, ebaleka uNdikhoyo.
4 Ke kaloku uNdikhoyo wathumela umoyakazi omkhulu apho elwandle; yaba sisaqhwithi esayitsho yasemngciphekweni wokuqhekeka inqanawa leyo.
5 Abaqhubi benqanawa leyo baphakuzela, yangulowo nalowo wakhala *kuthixo wakhe. Umthwalo wenqanawa bawuphungulela elwandle, bezama ukuba ibe khaphukhaphu.Ke yena uJona wayesuke wehla wangena kumagumbi asezantsi, walala obentlombe.
6 Ingqwayi-ngqwayi yenqanawa leyo ke yaya kuye, yafika yathi: “Ngani ukuba ulale, thongorhandini? Vuka, ubize uThixo wakho! Mhlawumbi angasikhumbula, size singatshabalali.”
7 Ke bathi omnye komnye: “Yizani senze *amaqashiso ukuze sibhaqe lo mntu ungunobangela wale ntlekele.” Benjenjalo ke, laza iqashiso laphuma noJona.