20 Ndosigxotha isibetho esivela ngasentla,ndisidudulele kwinkangala yentlango.Amabutho aphambili ndiwase kulwandle lwasempuma,asemva wona ndiwase kolwasentshonalanga.Hayi ke ukubopha kwevumba lazo!Kuba kambe iziphakamisile ngokwenza izinto ezinkulu.
21 Musa ukoyika, mhlabandini;ewe, yiba nemihlali wonwabengenxa yemisebenzi emikhulu ayenzayo uNdikhoyo.
22 Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.
23 Vuyani nani, bemi baseZiyon.Yonwabani kuNdikhoyo uThixo wenu,kuba uninike ngobulungisa imvula yasekwindla,wanithululela izandyondyo zomvimbi ekwindla nasentlakohlaza,natsho nadla ngendeb' endala.
24 Izanda ziya kuzala yingqolowa,iifatyi ziphuphume yiwayini entsha namafutha omnquma.
25 Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi –nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi,loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo.
26 Niya kutya nizibethe zibe bomvu,nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenuonenzele imimangaliso engaka.Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.