1 “Ke kaloku ngaloo mihla,ngalo kanye elo xesha,ekuyibuyiseleni kwam iJerusalem noJudakwimeko yayo yangaphambili,
2 ndoziqokelela zonke izizwe,ndizithobele kwintili kaYoshafati,apho ke ndozigweba khonangenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli.Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni,bawahlula-hlula umhlaba wam.
3 Benze *amaqashiso ngabantu bam;ngenxa yamahenyukazi bathengisa ngamakhwenkwe,ngenxa yewayini bathengisa ngamantombazana,khon' ukuze babe nento yokusela.
4 “Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko.
5 Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu.