12 AbaseMaroti bayapena-pena ziintlungu,belangazelela okulungileyo,kuba isithwakumbe sivele *kuNdikhoyo,sathi gaxa kumasango eJerusalem.
13 Nina bemi baseLakishe, bophelan' amahash' enqwelweni.Yaba nini abangcamli besono,neZiyon nayikhokelela kwakuso;ubugwenxa bukaSirayeli bufunyenwe kuni.
14 Nangoku nab' izipho zokwahlukana,ninikezele kwiMoresheti yaseGati.IAkezibhi yona ngumkhohlisi;ibagqibile ookumkani bakwaSirayeli.
15 Ke nina, bemi baseMaresha, ndiya kunizisela oya kunidla ilifa.Yena lowo usisidima sikaSirayeli uza kufika eAdulam.
16 Zilani nigugule nitsho ngeenkqayi ngenxa yabantwana enibathandayo.Chengezelisani ngeempandla ngathi lixhalanga;kaloku baza kuthathwa basiwe ekuthinjweni.