Umika 3 XHO96

Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli

1 Suka ke mna ndathi:“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli.Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?

2 Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.Abantu bam nibahlubulula ulusu,nibabhunyule inyama emathanjeni.

3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,nibahlube ulusu lwabo,amathambo abo niwakroboze,nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”

4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.

5 Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,utsho uNdikhoyo ukuthi:

6 “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.Abashumayeli botshonelwa lilanga,nemini isuke ixubayele.

7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”

8 Ke mna okokwam ndomelele;uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,undithe jize ngobulungisa namandla,ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,uSirayeli ndimbonise isono sakhe.

9 Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli,nina babuthiyileyo ubulungisa,nina bagqwethi bolungelelwano.

10 IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.

11 Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;ababingeleli basebenzela inzuzo,nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”

12 Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7