Umika 2 XHO96

Isohlwayo sabacinezeli

1 Mawoo ke, nina baceba ububi –nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu!Kwakusa benza loo nkohlakalo,kuba kaloku isemandleni abo.

2 Bakunqwenela intsimi bayayohlutha;bakubawela indlu bayayoxutha.Umzi womntu bawuthatha ngobuqili,ilifa lomfo liphelele kubo.

3 Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;aningekhe nibe nako ukusinda kuso.Soze nibe sahamba ngebhongo,kuba koba kugos' okwaphukayo.

4 Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:‘Basivuthulule satshabalala mpela;balahlula-hlule ilifa labantu bam.UNdikhoyo ulithathile kuthiwalinikela kwabo bangabavukeli.’ ”

5 Ngoko ke akuyi kubakho mntu,nditsho ebandleni likaNdikhoyo,oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.

Abashumayeli abakhohlisayo

6 Abashumayelayo bathi:“Hayi, musa ukushumayela!Sukushumayela ngayo le nto;akukho hlazo liya kusihlela.”

7 Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?Uthi angazenza izinto ezinjalo?”“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?

8 Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.

9 Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.

10 Yithi thwas' uhambe,kuba le asiyondawo yakuphumla.Ewe, le ndawo ixabhelekile;ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.

11 Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”

Ukubuyiswa kwamasalela

12 “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.

13 Uvulindlela wohamba phambi kwabo;botyhoboza baphume esangweni.Ukumkani woba yena ekhokele,*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7