Umika 7 XHO96

Ubugxwayiba bamaSirayeli

1 Mawoo! Hayi ubugxwayiba endikubo!Sendifana nokhwahlaza iziqhamo,obhikica esidiliyeni ehlotyeni.Phi ke? Akukho nesihloko esi seediliya sokuba nditye!Akusekho neli lolibo ikhiwane!

2 Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni;amadoda athe ngqo suka athi shwaka.Akhoyo alalela ukuphalaza igazi;elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.

3 Izandla zabo zozibini zinobuchule ekwenzeni ububi.Ooziphathamandla bafunana nezicengo.Abalawuli bathe thwanga kukunyotywa.Izikhulu zifezekisa iminqweno yazo.Ewe, badibene ngokufutha amayelenqe.

4 Noyena ubalaseleyo kubo nqwa nokhula;kunoyena uthembekileyo kubhetele kwabobo.Ngoku igalelekile imini yesohlwayo;yiphaphele oku komlindi.Eli ngoku lixesha lokudideka kwabo.

5 Musa ukuthembela ngommelwane.Hayi, sukubambelela kumhlobo.Ewe ngenene, wabale amazwi akho,nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.

6 Kaloku noonyana bayabadela ooyise;iintombi zivukelana nabo noonina;umolokazana uvukelana nonina-zala;iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.

7 Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.UThixo wam yena uya kundiva.

Ukuphakanyiswa kukaSirayeli

8 Nina zintshaba, sanukundivuyelela.Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke.Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyamenikodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.

9 Kaloku ndimonile uNdikhoyo.Ngoko ke ndoyithwala ingqumbo yakhe,ade ke abuye andithethelele,abuye andilungisele.Yena wondibeka ekukhanyeni,nditsho ndibubone ubulungisa bakhe.

10 Notshaba lwam lotsho lubone;luya kwambathiswa lihlazo.Nditsho olo belufudula lusithi kum:“Ude abe phi na lo Ndikhoyo unguThixo wakho?”Ewe, amehlo am aya kukubona ukuwa kwalo,lunyhashwe ngeenyawo okodaka ezitalatweni.

11 Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho.Ngaloo mini iya kwandiswa imida yakho.

12 Ngaloo mini baya kufika bevela eAsiriya nakwizixeko zaseJiputa,bethabathela eJiputa, bade baye kutsho kumlambo iEfrati,bephuma elwandle, bee xhaxhe ngolunye ulwandle,bethabathela entabeni, baye kuthi gaa ngenye intaba.

13 Lo mhlaba wona woba yinkangala;ewe, ngenxa yabemi bawo,nangenxa yezinto abazenzileyo.

Uvelwano lukaNdikhoyo

14 Ewe, *Ndikhoyo, baluse abantu bakho;ngaloo ntonga yalusa ilifa lakho,elo ke lizihlalela emahlathinikuloo madlelo mahle kunene.Mabatye eBhashan naseGiliyadi;ewe, mabadle ngendeb' endala.

15 “Njengakwimihla yokuphuma kwenu eJiputandobabonisa imimangaliso yam.”

16 Izizwe zothi zingabona zinyoshozenakuba bezisakuba namandla.Zosuka ke zibamb' ongezantsi,zithi ti, zivingcek' iindlebe.

17 Zosuka zity' uthuli njengeenyoka;zofana nezidalwa ezirhubuluzayo,eziphuma emingxunyeni zingcangcazela.Ziya kunkwantya phambi koNdikhoyo uThixo wakho,zitsho zoyike ngenxa yakho.

18 Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?Nguwuphi oxolela ubugwenxa,angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

19 Nangoku wobuya uvelane nathi,izono zethu uzinyathele ngeenyawo,uzilahle lee iziphoso zethu,uzintywilisele enzulwini yolwandle.

20 Wena uya kunyaniseka kuYakobi,uya kubuya ngenceba kuAbraham,njengoko wabhambathisayo ngesifungo koobawo,kudala-dala ngemihla yamandulo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7