10 Yithi thwas' uhambe,kuba le asiyondawo yakuphumla.Ewe, le ndawo ixabhelekile;ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.
11 Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”
12 “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.
13 Uvulindlela wohamba phambi kwabo;botyhoboza baphume esangweni.Ukumkani woba yena ekhokele,*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”