3 Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;aningekhe nibe nako ukusinda kuso.Soze nibe sahamba ngebhongo,kuba koba kugos' okwaphukayo.
4 Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:‘Basivuthulule satshabalala mpela;balahlula-hlule ilifa labantu bam.UNdikhoyo ulithathile kuthiwalinikela kwabo bangabavukeli.’ ”
5 Ngoko ke akuyi kubakho mntu,nditsho ebandleni likaNdikhoyo,oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.
6 Abashumayelayo bathi:“Hayi, musa ukushumayela!Sukushumayela ngayo le nto;akukho hlazo liya kusihlela.”
7 Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?Uthi angazenza izinto ezinjalo?”“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8 Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9 Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.