5 Ngoko ke akuyi kubakho mntu,nditsho ebandleni likaNdikhoyo,oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.
6 Abashumayelayo bathi:“Hayi, musa ukushumayela!Sukushumayela ngayo le nto;akukho hlazo liya kusihlela.”
7 Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?Uthi angazenza izinto ezinjalo?”“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8 Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9 Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.
10 Yithi thwas' uhambe,kuba le asiyondawo yakuphumla.Ewe, le ndawo ixabhelekile;ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.
11 Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”