1 Suka ke mna ndathi:“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli.Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?
2 Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.Abantu bam nibahlubulula ulusu,nibabhunyule inyama emathanjeni.
3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,nibahlube ulusu lwabo,amathambo abo niwakroboze,nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.