1 Suka ke mna ndathi:“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli.Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?
2 Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.Abantu bam nibahlubulula ulusu,nibabhunyule inyama emathanjeni.
3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,nibahlube ulusu lwabo,amathambo abo niwakroboze,nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.
5 Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,utsho uNdikhoyo ukuthi:
6 “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.Abashumayeli botshonelwa lilanga,nemini isuke ixubayele.
7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”