3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,nibahlube ulusu lwabo,amathambo abo niwakroboze,nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.
5 Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,utsho uNdikhoyo ukuthi:
6 “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.Abashumayeli botshonelwa lilanga,nemini isuke ixubayele.
7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”
8 Ke mna okokwam ndomelele;uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,undithe jize ngobulungisa namandla,ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,uSirayeli ndimbonise isono sakhe.
9 Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli,nina babuthiyileyo ubulungisa,nina bagqwethi bolungelelwano.