7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”
8 Ke mna okokwam ndomelele;uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,undithe jize ngobulungisa namandla,ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,uSirayeli ndimbonise isono sakhe.
9 Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli,nina babuthiyileyo ubulungisa,nina bagqwethi bolungelelwano.
10 IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.
11 Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;ababingeleli basebenzela inzuzo,nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”
12 Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.