1 Ke kaloku ngemihla yokugqibelaintaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyoiya kuba yeyona ibalaseleyo,izikrobele zonke iinduli;nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.
2 Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
3 Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,wona amakrele awenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.
4 Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,kungekho namntu uya kuboyikisa.Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.
5 Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo;ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.