8 Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga –ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi –oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini,oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha –nditsho elihamba linyhasha,liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.
9 Isandla sakho siya kuboyisa ababandezeli bakho,uzitshabalalise zonke iintshaba zakho.
10 Umlomo kaNdikhoyo uthi:“Ngaloo mini ndowatshabalalisa amahashe akho,neenqwelo zakho ndizifohloze.
11 Ndiya kuzivuthulula izixeko zelizwe lakho,ke zona iinqaba ndizibhodloze.
12 Ndiya kuziphuthisa izixhobo zemilingo ezisesandleni sakho,ungabi saba nabo abantu abavumisayo.
13 Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo neentsika zonqulo eziphakathi kwenu.Akuyi kuba saguqa kumsebenzi wezandla zakho.
14 Ndozincothula neentsika zika-Ashera phakathi kwenu;izixeko zakho zona ndizibhodloze.