12 Izinhanha zakho zizibhoja,kanti abantu bakho bayaxoka,batsho ngolwimi olukhohlisayo.
13 Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.
14 Uya kuba ngatya, unganeliseki;isisu sakho sosala sithe nca.Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;oovimba bakho bochithwa yimfazwe.
15 Uya kuba ngalima, tu isivuno.Uya kuwukhama wona umnqumakodwa ungaze ube nawo amafutha.Uya kuyixovula yona idiliya,kodwa soze usele wayini.
16 Kaloku ulandele imikhuba kaOmri,uhamba ngezenzo zendlu ka-Ahabhi.Ewe, uthene nca nezithethe zabo.Ngoko ke ndosuka ndikutshabalalise,abantu bakho bona babe yintlekisa.Uya kukuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.”