5 Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”
6 Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?Ngaba ndoya namadini atshiswayo,ndiye namathole anyaka mnye?
7 Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,isono sam ngesiqhamo somzimba wam?
8 Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
9 UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.Bubulumko ukuthobela igama lakhe.Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.
10 “Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.
11 Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.