9 UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.Bubulumko ukuthobela igama lakhe.Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.
10 “Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.
11 Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.
12 Izinhanha zakho zizibhoja,kanti abantu bakho bayaxoka,batsho ngolwimi olukhohlisayo.
13 Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.
14 Uya kuba ngatya, unganeliseki;isisu sakho sosala sithe nca.Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;oovimba bakho bochithwa yimfazwe.
15 Uya kuba ngalima, tu isivuno.Uya kuwukhama wona umnqumakodwa ungaze ube nawo amafutha.Uya kuyixovula yona idiliya,kodwa soze usele wayini.