Unehemiya 10:32-38 XHO96

32 “Kunyaka ngamnye sizibophelela ngesifungo sokuthobela umyalelo wokuba sinikele ngesiliva eziigram ezintlanu ukuxhasa umsebenzi wendlu kaThixo.

33 Sonikela ukuze sibe khona isonka esihlala sihleli etafileni, umnikelo ohlala uhleli weenkozo, namadini atshiswayo, amadini oMhla wokuPhumla, amatheko okuthwasa kwenyanga, namatheko amisiweyo, iminikelo eyodwa, amadini esono okungxengxezela uSirayeli, kwenziwe yonke imisebenzi yendlu kaThixo wethu.

34 “Thina babingeleli nabaLevi noluntu luphela, siwenzile amaqashiso okumisela indlu nganye ithuba layo kunyaka ngamnye lokuzisa umrhumo weenkuni zomlilo weqonga likaNdikhoyo uThixo wethu njengoko kubhaliwe emthethweni.

35 “Kunyaka ngamnye siya kuluzisa ulibo lwemveliso yamasimi ndawonye nesiqhamo somthi ngamnye endlwini kaNdikhoyo.

36 “Kwanjengokuba kubhaliwe emthethweni amazibulo ezindlu zethu, aweenkomo zethu, awemfuyo enkulu nemfutshane, xa ewonke siya kuwazisa endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abasebenza kuyo.

37 “Ngaphezu koko siya kugalela koovimba bendlu kaThixo wethu, sinikezele kubabingeleli umgubo wolibo lwengqolowa, iminikelo yeenkozo, kunye neziqhamo zayo yonke imithi esinayo, kananjalo newayini entsha namafutha omnquma. Kananjalo sonikela ngesishumi semveliso yethu kubaLevi; kaloku ngabaLevi abaqokelela izishumi kuzo zonke iidolophu esisebenza kuzo.

38 Umbingeleli womlibo ka-Aron wobapheleka abaLevi xa besamkela izishumi. Ke bona abaLevi bokhupha isishumi sezo zishumi basise endlwini kaThixo wethu, sifakwe engxoweni koovimba.