17 kwa-Abhiya nguZikri;kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;
18 kwaBhilega nguShamuwa;kwaShemaya nguJonatan;
19 kwaJoyaribhi nguMatenayi;kwaJedaya ngu-Uzi;
20 kwaSalayi nguKalayi;kwa-Amoki nguHebhere;
21 kwaHilekiya nguHashabhiya;kwaYedaya nguNataniyeli.
22 Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.
23 Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali.