24 Isiqingatha sabantwana babo sasithetha ulwimi lwaseAshdode okanye olunye lweelwimi zeentlanga, sona isiJuda bengakwazi kusithetha.
25 Ndabakhalimela ndabaqalekisa. Amanye aloo madoda ndawabetha, ndawaxhwitha iinwele amanye. Ndathi makafunge egameni likaThixo, ndisithi: “Aniyi kuzinikela iintombi zenu zithathwe ngoonyana babo, ningayi kubayeka noonyana benu bathathe iintombi zabo, ukanti nani ngokwenu.
26 Andithi na kaloku ukumkani kaSirayeli uSolomon wôna kwangale mitshato? Kuzo zonke izizwe akukho kumkani wayefana naye. Wayethandwa nguThixo wakhe, waza wamenza ukumkani phezu koSirayeli ephela, kodwa ke abafazi abaziintlanga bamrhuqela esonweni.
27 Ke ngaba nithi nathi masihambe kweli khondo lenu, senze le nkohlakalo yokungathembeki kuThixo wethu ngokuthatha abafazi abaziintlanga?”
28 Omnye koonyana bakaJoyada unyana kaEliyashibhi umbingeleli omkhulu wayethathe intombi kaSanebhalati umHoron. Ke mna ndamgxotha uJoyada.
29 Uze ubakhumbule, Thixo wam, kuba babuxabhele ububingeleli kunye nomnqophiso wobubingeleli nowobuLevi.
30 Ngoko ke ndabahlambulula ababingeleli nabaLevi kuzo zonke izidyobho zeentlanga, ndaza ke elowo nalowo kubo ndamnika umsebenzi wakhe.