26 Andithi na kaloku ukumkani kaSirayeli uSolomon wôna kwangale mitshato? Kuzo zonke izizwe akukho kumkani wayefana naye. Wayethandwa nguThixo wakhe, waza wamenza ukumkani phezu koSirayeli ephela, kodwa ke abafazi abaziintlanga bamrhuqela esonweni.
27 Ke ngaba nithi nathi masihambe kweli khondo lenu, senze le nkohlakalo yokungathembeki kuThixo wethu ngokuthatha abafazi abaziintlanga?”
28 Omnye koonyana bakaJoyada unyana kaEliyashibhi umbingeleli omkhulu wayethathe intombi kaSanebhalati umHoron. Ke mna ndamgxotha uJoyada.
29 Uze ubakhumbule, Thixo wam, kuba babuxabhele ububingeleli kunye nomnqophiso wobubingeleli nowobuLevi.
30 Ngoko ke ndabahlambulula ababingeleli nabaLevi kuzo zonke izidyobho zeentlanga, ndaza ke elowo nalowo kubo ndamnika umsebenzi wakhe.
31 Ndamisela amathuba okuziswa kweenkuni ndawonye nawokuziswa kolibo.Uze undikhumbule undazelelele, Thixo wam.