1 Ke umbingeleli omkhulu uEliyashibhi kunye noogxa bakhe ababingeleli bahamba baya kwakha iSango leeGusha. Balinikezela, bawabuyisela namasango, bakha baya kuthi xhaxhe ngeNqaba yeKhulu abayinikezelayo, baqhuba bema ngeNqaba kaHananeli.
2 Amadoda aseJeriko ayesakha kufuphi nabo, ngakuwo kusakha uZakure unyana kaImri.
3 ISango leeNtlanzi lona lakhiwa ngoonyana bakaHasena. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, neziqhobosho nemivalo.
4 UMeremoti, unyana kaUriya, kaHakoze, walungisa umgama olandelayo. Ke yena wayelandelwa nguMeshulam unyana kaBherekiya kaMeshezabheli, owayelandelwa nguZadoki unyana kaBhana, xa bebonke besakha.
5 Umgama olandelayo wawusakhiwa ngamadoda aseTekowa, nto nje izikhulu zawo zazingafuni kufaka gxalaba kuloo msebenzi phantsi komphathi wazo.
6 UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.