10 UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya.
11 UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko.
12 Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.
13 ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.
14 ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.
15 UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide.
16 Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.