6 UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.
7 Kufuphi nabo kwakusebenza amadoda aseGibheyon naseMizpa, uMelatiya waseGibheyon noYadon waseMeronoti, ndawo ezo zaziphantsi komlawuli wakwelentshona ye-Efrati.
8 U-Uziyeli unyana kaHarehaya omnye weengcibi zegolide wayelungisa umgama olandelayo. Ke yena uHananiya, omnye wabenzi-ziqholo, wayesebenza loo mgama ulandelayo. Iindonga zeJerusalem bazilungisa bema ngoDonga oluBanzi.
9 URefaya unyana kaYuri, umlawuli wesiqingatha seJerusalem, wayelungisa umgama olandelayo.
10 UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya.
11 UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko.
12 Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.