60 Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392
61 Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62 inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642
63 Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64 Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.
65 Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66 Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360