1 bonke abantu baqokelelana ebaleni phambi kweSango laManzi. Baza ke babiza umchazi-mthetho uEzra, bathi makeze nencwadi yomthetho kaMosis, lowo wagunyaziswa *nguNdikhoyo kumaSirayeli.
2 Ngoko ke ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe umbingeleli uEzra weza nayo ebandleni incwadi yomthetho – ibandla elo ke yayingamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo.
3 Wawufunda ukusukela kusasa kwada kwasemin' emaqanda, emile ejonge apho ebaleni phambi kweSango laManzi, esiva amadoda, abafazi, nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. Bonke ke abo bantu bayiphulaphula ngomdla loo ncwadi yomthetho yayifundwa.
4 Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi kwiqonga elenziwe ngamaplanga, lenzelwe eso siganeko. Ngasekunene kwakhe kwakumi uMatitiya, uShema, uAnaya, u-Uriya, uHilekiya, noMaseya; ngasekhohlo inguPedaya, uMishayeli, uMalkiya, uHashum, uHashbhadana, uZakariya, noMeshulam.
5 UEzra wayivula ke incwadi leyo. Bonke ke abantu babembona, kuba wayemi ebavelele. Uthe ke akuyivula, bema ngeenyawo abantu.