7 Ke abaLevi uYeshuwa, uBhani, uShrebhiya, uJamin, uAkubhi, uShabhetayi, uHodiya, uMaseya, uKelita, uAzariya, uJozabhadi, uHanani, noPelaya, babafundisa umthetho abantu, besamile njalo apho.
8 Babefunda encwadini yomthetho kaThixo, baze ke batolike beyichaza ukuze ivakale ebantwini loo nto ifundwayo.
9 Ke umlawuli uNehemiya, ekunye nombingeleli ongumchazi-mthetho uEzra, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke: “Le yimini eyodwa kuNdikhoyo uThixo wenu. Ngoko ke musani ukulila nenze isijwili.” Kaloku bonke abantu babentywizisa ngoku bawaphulaphuleyo amazwi omthetho.
10 Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”
11 Ke abaLevi babazolisa abantu, besithi: “Le yimini eyodwa, zolani. Sanukuba lusizi.”
12 Ngoko ke bonke abantu baya kwenza itheko, batya, basela, besabelana ngokutya benemincili, kuba kaloku ngoku bewaqondile amazwi ababewacaciselwe.
13 Ngomhla wesibini wenyanga leyo ke iinkulu zemizi zinababingeleli nabaLevi zaqokelelana kuEzra umchazi-mthetho ukuze ziqwalasele amazwi omthetho.