5 Ke uNdikhoyo uphakathi kwaso,yena olilungisa elingenzi bugwenxa.Uphak' ubulungisa ntsasa zonke;akukho nanye imini asilela ngayo.Ke bona abagwenxa abazi nehlazo eli.
6 “Mna ndizinqamle izizwe,ndazivuthulula iinqaba zazo,ndatsho kwalil' ibhungane ezitalatweni zabo.Akusekho nomntu lo odlulayo;ewe, izixeko zabo zitshatyalalisiwe.Ngenene akusekho bani useleyo,kungekho namnye ummi kuyo.
7 Bendisithi iJerusalem iya kundoyika,ikwamkele ukululekwa,nendawo yokuhlala kwayo inganqanyulwa,nditsho konke endayibonelela ngako.Kambe ke basuka baxhinela phambilibesenza loo mikhuba yabo mibi.
8 “Ngoko ke lindelani kum,”utsho uNdikhoyo,“nijonge usuku endothimba ngalo.Ndosuka ndiziqokelele izizwe,ndizihlanganisele ndawonye izikumkani,ndizigalele ngomsindo wam,ndiyibhokoxele kuzo ingqumbo yam eshushu,ihlabathi liphela litshabalale,ndililenye ngomlilo womsindo wekhwele lam.
9 “Nezizwe ke ndosuka ndiziguquleukuze zonke zimnqule uNdikhoyo;ewe, zimbuse ngamxhelo mnye.
10 “Abakhonzi bam, abantu bam abasarhazekileyo,bophuma phesheya komlambo waseKushe,bandizisele iminikelo.
11 “Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum,kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi.Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.