17 Xa nimnqula nithi uThixo nguBawo ongenamkhethe, ogweba lowo nalowo ngokwezenzo zakhe. Ngoko ke mnikeni imbeko lo gama nisesemhlabeni.
18 Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide.
19 Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
20 Wanyulwa nguThixo, lingekadalwa ihlabathi, wabonakala ngenxa yenu kule mihla yokugqibela.
21 Ke ngoku niyakholwa kuThixo ngenxa yakhe. Ke uThixo wamvusa ekufeni, wamnika iwonga, ukuze nijonge kuThixo ngethemba nangokholo.
22 Njengoko ke nithe ngenxa yokululamela inyaniso nenziwa nyulu ukuze nithandane ngokwabazalanayo, thandanani ke ngoko ngokungazenzisiyo.
23 Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe.