1 Ngoko ke yahlukanani nazo zonke ezi zinto: uchuku, inkohliso, ukuzenzisa, nomona, nako konke ukuphixanisa!
2 Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
3 “Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.
4 Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.
5 Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.
6 Kaloku iziBhalo zithi:“Ndikhethe ilitye elixabisekileyo.Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon.Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.”