2 Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
3 “Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.
4 Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.
5 Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.
6 Kaloku iziBhalo zithi:“Ndikhethe ilitye elixabisekileyo.Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon.Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.”
7 Kuni, nina bazinikeleyo, eli litye lixabisekile, kodwa kwabo bangakholwayo:“Kanye elo litye bâlideláyo abakhisuke laba lelona libalulekileyo lesiseko.”
8 Lona:“Lilitye elikhubekisayo,ulwalwa olutyibilikisayo.”Kaloku bayakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi; phofu ke bamiselwe loo nto kakade.