2 Ukunyaniseka kwawo, nenzondelelo yawo, iya kuzibonakalisa.
3 Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo.
4 Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.
5 Yayisisihombo samakhosikazi angcwele amandulo ke eso. Ayethembele kuThixo, elulamela amadoda awo.
6 Wayenjalo uSara. Wayelulamela uAbraham esithi “mhlekazi” kuye. Niziintombi zakhe ke nina ukuba nenza okulungileyo ningenaxhala naloyiko.
7 Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
8 Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.