7 Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
8 Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
9 Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo,
10 nanjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubelamakazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki.
11 Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
12 Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,iyiphulaphule imithandazo yawo.Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”
13 Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?