1 Ke kaloku ndibhenela kumadoda amakhulu alapho phakathi kwenu. Nam kaloku ndikwayindoda enkulu; futhi ndikwalingqina ngeembandezelo zikaKrestu. Kambe ke ndinaso nesabelo kubuqaqawuli obuza kuvela.
2 Waluseni umhlambi kaThixo eniphakathi kwawo. Lo msebenzi ke sanukuwenza kuba ninyanzelekile, koko wenzeni nizimisele, njengoko noThixo ethanda njalo. Sanukusebenza kuba nincwase inzuzo, koko sebenzani ngokuzinikela.
3 Sanukulawula ngegqudu, koko yibani ngumzekelo kuwo umhlambi.
4 Uya kuthi ke akufika uMalusi omkhulu, nizuze isithsaba esinesidima, esingasoze sitshitshe.
5 Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.