17 Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
18 Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.
19 Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo.
20 Kanti ke, nokuba siyalahlwa sisazela sethu, yena uThixo osaziyo ngokupheleleyo, unenceba kunesazela sethu.
21 Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo.
22 Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.
23 Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo.