1 Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu.
2 Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.
3 Njengoko ndakuyalelayo ukuya kwam eMakedoni, nceda uhlale apho e-Efese. Kaloku kukho abantu abaneemfundiso zolahlekiso apho, ngoko ke banqande.
4 Yitsho bahlukane neentsomi, nemilibo yokuzalwa engaphele ndawo. Kaloku ezi zinto zikhuthaza iingxoxo ezingayi ndawo. Azikwazi ukulichaza icebo likaThixo elaziwa ngokholo.
5 Injongo yalo myalelo kukuvuselela uthando oluphuma kwintliziyo enyulu, nesazela esihlambulukileyo, kwanokholo olungazenzisiyo.
6 Abanye abantu bathe ngokuswela ezi mpawu balahleka. Beyela kwiingxoxo ezilambathayo.