17 Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.
18 Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini,
19 uxhobe ngokholo nangesazela esihlambulukileyo. Ngokudela isazela, abanye abantu balutyumza okweselwa elinamasi ukholo lwabo.
20 Phakathi kwabo ndingabalula uHimeniyo noAlesandire, esendide ndabanikela kuSathana, ukuze baqeqeshwe bakuyeke ukunyelisa.