4 Yitsho bahlukane neentsomi, nemilibo yokuzalwa engaphele ndawo. Kaloku ezi zinto zikhuthaza iingxoxo ezingayi ndawo. Azikwazi ukulichaza icebo likaThixo elaziwa ngokholo.
5 Injongo yalo myalelo kukuvuselela uthando oluphuma kwintliziyo enyulu, nesazela esihlambulukileyo, kwanokholo olungazenzisiyo.
6 Abanye abantu bathe ngokuswela ezi mpawu balahleka. Beyela kwiingxoxo ezilambathayo.
7 Bazenza abafundisi bomthetho, kanti abawaqondi amazwi abawasebenzisayo, ngokukwanjalo nakuloo mibandela bathetha ngayo bangoozwi-lakhe.
8 Siyazi ke ukuba umthetho ulungile, ukuba usetyenziswa ngendlela efanelekileyo.
9 Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta,
10 nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene.